17. Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.
18. Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.
19. Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.
20. Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka;kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.
21. Ukujonga ubuso akulunganga;kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.
22. Umntu oligqolo usukelana nobutyebi;akaqondi ukuba usenokufikelwa bubuhlwempu.
23. Omkhalimelayo umntu wothi kamva afumane ukuhlonitshwakunalowo untetho ilalanisayo.
24. Umntu oxhaphaza uyise nokuba ngunina, kodwa abe esithi: “Akukho nto imbi kuloo nto,”akahluke nganto kwisikrelemnqa.
25. Umntu onyolukileyo uphemba uqhushululu;kambe ke yena okholosa ngoNdikhoyo uya kuphumelela.
26. Umntu ozithembileyo akanangqondo;kodwa yena ohamba ngendlela yobulumko ukhuselekile.
27. Umntu onezinwe kumahlwempu akasweli nto;ovala amehlo akhe kwiintswelo zawo wohlala eqalekiswa.
28. Xa kulawula izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele,kodwa zakutshabalala amalungisa aba nempumelelo.