15. Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.
16. Zithathe iimpahla zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo, kuba umele umntu wasemzini.
17. Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.
18. Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.
19. Umntu onolwimi uyawadiza amahlebo,ngoko ke sukudlelana nabantu abathetha gqitha.
20. Umntu othuka uyise noninaubomi bakhe busuka buthi pam njengesibane esicime kwisithoko-thoko sobumnyama.
21. Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.
22. Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.
23. UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;isikali sobuqhetseba asilunganga.
24. Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.
25. Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.
26. Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,abanyhashe oku kwevili lokubhula.
27. Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.