15. Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.
16. Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.
17. Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.
18. Ikratshi lilandelwa yimbubho;ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.
19. Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyokunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.
20. Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
21. Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.
22. Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.
23. Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.
24. Amazwi amyoli nqwa nobusi;ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.
25. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
26. Indlala imenza umntu ukuba asebenze;ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.
27. Itshijolo lihlala liqingqa ububi;kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.
28. Umntu onobugwenxa udala ingxabano;umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.