1. Unyana osisilumko uyayithobela ingqeqesho kayise;ke yena ongumgxeki akakufuni ukululekwa.
2. Umntu ufumana ulutho axhamle isiqhamo sokuthetha kwakhe;kambe ke wona umnqweno wabantu abanganyanisekanga bubundlobongela.
3. Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.
4. Ivila liyanqwenela lingazuzi nto noko;kambe yena umntu okhutheleyo uyalangazelela aneliseke.
5. Ilungisa libuthiyile ubuxoki,ukanti yena umntu okhohlakeleyo uthanda amanyondololo namahlazo.
6. Ubulungisa bulondoloza ihambo yomntu othe ngqo;kanti ke inkohlakalo iyambhukuqa umoni.
7. Abanye abantu ngathi zizityebi kanti abananto;bambi ke ngathi bahlwempuzekile kanti ke bemi kakuhle.
8. Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.