6. Baphuma ke abemi baseShekem nabo bonke abaseBhete-milo, bahlanganisana baya kumthi omkhulu wom-oki oseShekem, bammisela khona uAbhimeleki waba ngukumkani wabo.
7. Akuyiva le nto uYotam waqabela kwintaba iGerizim, wakhwaza wathi: “Inzwi! Ndiphulaphuleni, maShekem! NoThixo mhlawumbi anganiphulaphula!
8. Imithi yazimisela ukuzithambisela ukumkani. Yathetha nomnquma, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’
9. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ngoku ukuvelisa amafutha abadunyiswa ngawo uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’
10. Yaza ke imithi yathetha nomkhiwane, yathi kuwo: ‘Yiza ube ngukumkani wethu.’
11. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa ezi ziqhamo zimnandi kunene, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’
12. Yaza ke ngoku imithi yathi kumdiliya: ‘Yiba ngukumkani wethu.’
13. Wona ke wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa iwayini le yonwabisa uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’
14. Ngoku ke imithi yabhekisa kumnga, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’
15. Kodwa ke wona wathi: ‘Xa ngaba nizimisele ngenene ukundithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani kuzikhusela emthunzini wam; kungenjalo ke makuvele umlilo kula meva am, uyitshise imisedare yaseLebhanon.’ ”
16. Waqhuba wathi ke uYotam: “Ngaba niyenze ngokunyaniseka na into yokummisela uAbhimeleki abe ngukumkani wenu? Ngaba nenziwe kukumxabisa nokumhlonipha uJerubhali? Ngaba esi senzo nisenza kwinzala yakhe siyifanele na imisebenzi yakhe?