3. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sabonakala kuye, saza sathetha naye sathi: “Njengoko ungazanga waba namntwana, ngoku uza kukhawula, uze ufumane unyana.
4. Uyabona ke, kufuneka uzigcine, ungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo.
5. Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”
6. Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe.