4. Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.
5. Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.Kaloku yena unobungangamsha.
6. UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;uSamweli yayingomnye wababemnqula;bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.
7. Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.
8. Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,kodwa ukwangoyohlwayayo intw' embi.
9. Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu.Mnquleleni entabeni yakhe eyodwa!Kaloku ungcwele uNdikhoyo uThixo wethu.