1. Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.
2. Ndomemelela ngemincili,ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.
3. Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.
4. Kaloku undigwebele ityala lam;ungqendeve esihlalweni sakho,wena mgwebi olungileyo.
5. Uzikhalimele iintlanga,wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,waliphanzisa kwaphela igama labo.
6. Iintshaba zethu zibhangile mpela,uzidilize didli izixeko zazo;sele zacimayo nasezingqondweni.
7. Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.
8. Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;azigwebe kakuhle zonke iintlanga.
9. NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.
10. Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.