5. Amazulu ababaza imimangaliso yakho, Ndikhoyo,ukuthembeka kwakho ebandleni lemilowo yakwakho!
6. Esibhakabhakeni ngubani onokulinganiswa nawe, Ndikhoyo,ingubani kwabasemazulwini ofana nawe?
7. UnguThixo ohlonelwayo kwibandla labamsulwa;umkhulu uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abakungqongileyo.
8. Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,ngubani oyingangamsha njengawe?Ngeendlela zonke uthembekile!
9. Iilwandle ezinzongo-nzongo zilawulwa nguwe;wena uyawazolisa amaza agugumayo.
10. Wena wasinyhasha isilo esikhulu saselwandle;ngaloo mandla akho wazisarhaza iintshaba zakho.
11. Amazulu ngokunjalo nehlabathi lelakho;ihlabathi nako konke okukulo kwasekwa nguwe.
12. Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.
13. Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.
14. Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.
15. Basethamsanqeni abantu abakubhengeza ngendumiso;ewe, Ndikhoyo, abo basoloko bekufutshane nawe,
16. abonwatyiswa nguwe imini yonke,bekudumisa ngenxa yobulungisa bakho.
17. Wena uyindili yokomelela kwabo;batshatshele kuba baxhaswa nguwe.