19. Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.
20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.
21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.
22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.
23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.
24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.
25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.
26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’
27. Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.
28. Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;umnqophiso wam naye soze utshitshe.
29. Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.
30. “Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,
31. ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,asayithobela imithetho yam,