5. Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6. “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,zaxibilika iingobozi ezandleni.
7. Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8. “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!
9. Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.
10. Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenuowanikhuphayo kwelamaJiputa;khamisani, mna ndiza kunifunza.
11. “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;abafunanga nokuva oku ngam.
12. Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,ukuze benze ngokuthanda kwabo.