1. Khanitsho ngentsholo nidumisa,nibong' uThixo, nonke bemi behlabathi!
2. Culani nidumise isidima sakhe;khanimtyibele nimemelele!
3. Dandulukani, nithi kuThixo:“Iyamangalisa imisebenzi yakho;ubungangamsha bakho bunabile;buzitsho neentshaba zakho zinkwantye.
4. Ihlabathi liphela likhahlela kuwe,livum' amaculo, lidumisa wena;liyamemelela, libong' igama lakho.”
5. Yizani niyibone imisebenzi kaThixo;izenzo zakhe ziyalumangalisa uluntu.
6. Ulwandle walujika lwayinkangala.Umlambokazi bawuwela betabhata.Ngenene sachulumacha ngenxa yakhe.
7. Igunya lamandla akhe alinamida.Iliso lakhe lizalusile izizwe;nezibhoja mazingajambalazi.
8. Mncomeni uThixo wethu, nonke zizwe!Izibongo zenu maziviwe nangabakude.
9. Yena wasithundeza wasixhasa;akasiyekelanga ekutyibilikeni.
10. Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;usicikide njengesiliva.
11. Wasiyeka sagaxeleka elubobeni;wasiyekela sathandelwa ziinkxwaleko.
12. Wasivula, iintshaba zasityakatya,sadada emililweni nasemanzini;wabuya wasithi jize ngendyebo.