6. Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.
7. Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.
8. Maxa onke thembelani kuye, bantundini,nizityand' igila kuye;kaloku uThixo yinqaba yethu.
9. Abantu bafana nomphunga.Umntu yinto engento yanto.Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;hayi, kubhetele kwaphepha.
10. Musa ukuqamela ngezigalo;musa ukuthembela ekuphangeni.Noba bungade bufumbe ubutyebi,wena musa ukuqamela ngabo.
11. Nto zimbini azithethileyo uThixo:Le yokuba amandla ngawakhe,
12. nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.