37. Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;
38. kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,nenzala yabo iphanziswe kuphele.
39. NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.
40. Nguye owancedayo, awahlangule,awasindise kumatshijolo,kuba akholose ngaye amalungisa.