30. Ilungisa lithetha amazwi obulumko;into eliyithethayo isolokoilungile.
31. Lisoloko liwubambile umthetho kaThixo;alisoze licebuke kuwo nanini na.
32. Itshijolo lisoloko lizungula ukubulala amalungisa,
33. kodwa uNdikhoyo akayi kuliyekela kumatshijolo ilungisa,engayi kuliyekela lohlwaywe enkundleni yamatyala.
34. Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;wokunika umhlaba uwume,uwabone amatshijolo etshabalala.
35. Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.
36. Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;ndalikhangela, andalifumana konke.
37. Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;
38. kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,nenzala yabo iphanziswe kuphele.