1. *Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!Wena lungisa, uzundihlangule!
2. Ndibekele iindlebe, ukhawulez' undihlangule.Yiba yinqaba endizimela kuyo,nomkhuseli wam ondisindisayo.
3. Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.
4. Ndikhulule kwisabatha ebendigcayiselwe ngaso,kuba ungamandla am wena.
5. Ndiwunikela ezandleni zakho umoya wam;kaloku undihlangule wena, Ndikhoyo, Thixo othembekileyo.
6. Ndibathiyile abo banqula izintw' ezingento;mna ndikholosa ngawe, Ndikhoyo.
7. Ndovuya, ndigcobe ngenxa yezibele zothando lwakho,kuba uyibonile inkxwaleko yam,wakugqala nokungcungcutheka kwam.
8. Akundiyekelanga kwingcinezelo yeentshaba;koko usuke wandinika inkululeko.
9. Ndenzele inceba, Ndikhoyo, ndibandezelekile.Atsho adumba kukulila amehlo am,nam ndiphelile kukudinwa.
10. Ziyandaluphaza iinkxwaleko zam,nemihla yam iphelela ekungcungcuthekeni.Ndiphelelwe ngamandla ngenxa yeentlupheko,namathambo am selegugile.