18. Qwalasela ubunzima nosizi endikulo,undixolele zonk' izono zam.
19. Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.
20. Bukhusele ubomi bam, undihlangule;mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.
21. Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,kuba kaloku ithemba lam likuwe.
22. Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayelikuzo zonke iimbandezelo zabo.