28. Kaloku nguNdikhoyo ukumkani;nguye umlawuli weentlanga zonke.
29. Ewe, zonk' izinhanha ziya kudlelana, zimvume yena;nditsho yonk' intw' engumntu iya kumnqul' uNdikhoyo.
30. Izizukulwana ziya kumkhonza,ooyise babalisele abazukulwana ngoNdikhoyo.
31. Ewe, nâbo bangekazalwa boxelelwaukuba uNdikhoyo wabasindisa abantu bakhe.