25. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
26. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.
27. Ungumsindisi wabathobekileyo;uyabathoba abo banekratshi.
28. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;undigxothela ubumnyama, wena Thixo.
29. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.
30. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.
31. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.
32. Ewe, nguThixo ondinika amandla;nguye oyenza iphumelele indlela yam.
33. Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.
34. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.
35. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.
36. Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.
37. Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.
38. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.
39. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.
40. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
41. Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.