7. Bonakalisa uthando lwakh' olungagugiyo,wena msindisi wâbo bathembela ngawe,ubakhusele ezintshabeni zabo.
8. Ndilondoloze ngokokhozo lweliso lakho,undisithelise ngethunzi lamaphiko akho
9. kubantw' abagwenxa abandihlaselayo,kwezo ntshaba zindingqongileyo, zifuth' inkohlakalo.
10. Azinalo novelwano;zithe lwale likratshi.
11. Ziyandizungula, zifun' ukundirhangqa;zindithe ntsho ngamehlo, zijong' ukundiqethula.
12. Zifun' ukundithi qwenge-qwenge zixel' ingonyama;zindilalele zincatham' engontsini njengerhamncwa.
13. Lamla, Ndikhoyo; zikhalimele iintshaba, uzichithe!Ndihlangule ngekrele lakho kubantw' abagwenxa.
14. Ndihlangule, Ndikhoyo, koohlohlesakhe abazisu zimbaxa,betsho ngenyambalala yoonyana.Bathi zubelele bafe,babushiyel' oonyana obo butyebi.
15. Mna ndobonana nawe ngenxa yobulungisa bam;ndokwaneliswa kukubona wena xa ndivukayo.