1. Wuphulaphule umthandazo wam, *Ndikhoyo;sive isikhungo sam.Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
2. Musa ukusixoxisa isicaka sakho;kaloku akukho bani umsulwa phambi kwakho.
3. Kaloku utshaba luthene mbende nam;lundixushe lwada lwandishikixa.Lundivalele kwamnyama-ndawo,ndanga ndingowafa kudala.