9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.
10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.
11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.
15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.