10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.
11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.
15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.
16. Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.
17. Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.
18. Bakwafana nazo abenzi bazo,nabo bonke abakholosa ngazo.
19. Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.
20. NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.
21. Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”