1. Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;
2. nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,nasenkundleni yomzi woThixo wethu.
3. Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.
4. Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!
5. Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.
6. Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –nditsho emazulwini nasemhlabeni,kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.
7. Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.
8. Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.
9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.
10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.