1. Ndazibika *kuNdikhoyo ndixhwalekile;yena wandiva, wasabela.
2. Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangulekumaxoki nakubakhohlisi.”
3. Nithi makenze ntoni ngani uThixo?Nisalindele ntoni eyenye, maxokindini,
4. ngaphandle kotolo lwemfazwe olubukhali,ngokunjalo neziko elimalahle avuthayo!
5. Athi ke mna, mnt' ubhacele kwaMesheki,mna mntu uxhwarhe phakathi kwamaKedare!