2. Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,ayetyise emini nasebusuku.
3. Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi,umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,umth' omagqabi angasoz' abune.Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.
4. Àbanjalo kambe bona abantw' abagwenxa;bona banjengomquq' ophetshethwa ngumoya.
5. Ngenxa yoko aboni abanako ukujongana nenkundla,koko bona baya kugxothwa embizweni yamalungisa.
6. Kaloku uNdikhoyo uyalusile indlela yamalungisa;ke indlela yabakhohlakeleyo iya kudaka.