1. USirayeli wathatha konke okwakhe wahamba, waya kutsho eBheshebha, apho wafika wenzela uThixo kayise uIsake idini.
2. UThixo wathetha naye ngephupha wathi: “Yakobi!”Wasabela uYakobi wathi: “Ndim lo!”Wenjenje uThixo ukuthetha naye:
3. “Mna ndinguThixo kayihlo. Uzungoyiki ukuya eJiputa; kulapho inzala yakho ndiya kuyenza isizwe esikhulu.