7. NguThixo owathi mandize ngaphambi kwenu apha, ukuze nisinde ngale ndlela imangalisayo, kusinde nenzala yenu ngangokuba ingako.
8. Ayinini ke ngoko abandizisa apha, nguThixo. Nguye ondenze umphathiswa kakumkani ophethe lonke eli lizwe nolawula iJiputa iphela.
9. “Ngoku ke khawulezani niye kubawo, nithi ndithi, mna Josefu unyana wakhe, uThixo undenze umlawuli weJiputa iphela. Makakhawuleze eze kum.
10. Angema kulaa mmandla waseGoshen, apho aya kuba kufuphi nam. Makeze nabantwana bakhe, abazukulwana, iigusha, iibhokhwe, iinkomo, konke okwakhe.