38. iqonga legolide; amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi; umkhusane wesango;
39. iqonga lobhedu, nesisefu salo sobhedu, imiqobo yokuliphatha, nezixhobo zalo; isitya sokuhlambela, ngokunjalo nesiseko saso;
40. umkhusane wenkundla, iintsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla; iintsontela nezikhonkwane zentente; nazo zonke izixhobo zentente;
41. ngokunjalo nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli kwigumbi elingcwele – ezo zivatho zizodwa zika-Aron noonyana bakhe.
42. Ewe, amaSirayeli ayenza yonke into kanye ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
43. UMosis wawuhlola loo msebenzi, wafumanisa ukuba ngenene yonke into bayenze ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ngoko ke wasuka wabathamsanqela.