22. Ke wona umnweba onxitywa phezu *kwesidanga bawenza ngelaphu elizuba.
23. Indawo yokungena intloko bayivula, baza bayiqukumbela yaqina, khon' ukuze ingakrazuki.
24-26. Kumazantsi awo bawenzela imifanekiso yerharnati ezuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke bazenza zabolekisana neentsinjana ezenziwe ngegolide ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis.
27. UAron noonyana bakhe babathungela iihempe,
28. iqhiya, umnqwazi, iibhulukhwe zangaphantsi,
29. ngokunjalo nomxwayo osontwe ngelaphu elihle. Laliyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Balihombisa, baliqhoqhonya ngobugcisa ngokomyalelo.
30. Bathatha igolide, benza icwecwe elihle, baza kulo bakrola umbhalo owodwa othi: “OkaNdikhoyo pheleleyo.”
31. Baliqhagamshela ngomsonto ozuba eqhiyeni ebunzi, kanye ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
32. Ke kaloku umsebenzi wokwakhiwa *kwesibingelelo wada wagqitywa. AmaSirayeli ayenza yonke into ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis.
33. Zonke izinto ezaziyimfuneko azinikezela kuMosis: intente nezixhobo zayo, amahaki, izakhelo, imiqadi, iintsika, neziseko zayo;
34. isigqubuthelo esenziwe ngofele lwenkunzi yegusha olubomvu; kunye neso sesikhumba esisukiweyo; umkhusane;
35. ityesi yomnqophiso enamacwecwe amatye, imiqobo yokuyiphatha, nesivalo sayo;
36. itafile nezinto ezibekwa phezu kwayo, isonka esinikelwa kuThixo;