6. nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe,
7. nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi,
8. neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi;
9. amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”
10. Waqhuba uMosis wathi: “Onke amagcisa omsebenzi wezandla akhoyo phakathi kwenu makeze azokwenza *isibingelelo nezinto ayalele ukuba zenziwe *uNdikhoyo:
11. intente kunye nesigqubuthelo sayo, amahaki, uphahla lwentente, izakhelo, imiqadi, kunye neziseko;
12. ityesi yomnqophiso, inemiqobo yokuyiphatha, nesivalo, kunye nomkhusane;
13. itafile, inemiqobo namasolotya ayo, kunye nesonka esingumnikelo kuThixo;
14. isibane nobuxhaka-xhaka baso, neoyile;
15. iqonga lesiqhumiso nemiqobo yokuliphatha, amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi, umkhusane wesango lesibingelelo;
16. iqonga lamadini linxityelelwe isisefu esenziwe ngobhedu, imiqobo yalo nako konke okwalo; isitya sokuhlambela nesiseko saso;
17. umkhusane wenkundla neentsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla;
18. izikhonkwane neentsontela zomphakathi ngokunjalo nenkundla;
19. kunye nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli xa bebusa kwigumbi elingcwele, ngokunjalo nezivatho ezizodwa zika-Aron kunye noonyana bakhe.”
20. Ke kaloku lonke ibandla lamaSirayeli lamshiya uMosis,
21. waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli.