UAron ndawonye noonyana bakhe mabasoloko bezinxibile xa bengena *esibingelelweni, noba bakwezamadini okwababingeleli, hleze bafe ngenxa yokuba behamba ze. Lo ke ngummiselo ongasoze washukunyiswa kuAron ndawonye nezizukulwana zakhe.”