1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
2. “Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum.
3. Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu,
4. nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe,
5. nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi,
6. neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso,
7. namatye ekarneli, namanye amatye okuhombisa *isidanga sombingeleli omkhulu ngokunjalo nesikhuselo-sifuba sakhe.
8. Mabandakhele indawo eyeyam ndodwa, ukuze nam ndihlale phakathi kwabo.