Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”