Kwakhona ke uya kunikela inkunzi yegusha *kuNdikhoyo, ibe lidini lobudlelwana, ayidibanise nesaa sonka sisebhaskitini. Kananjalo ke uya kwenza nomnikelo weenkozo nowewayini.