waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”