Kaloku umntu ebesenokuwenza umsebenzi wakhe ngobulumko, ingqiqo, nobuchule, kanti yonke loo nto abulaleke ngayo uza kuyishiya emntwini ongayisebenzelanga mpela-mpela! Ngenene nale into ngamampunge; imbi kunene!