UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.