Ahamba ke, afika abiza abalindi bamasango, abaxelela athi: “Besiye phaya kwikampu yamaSiriya, saza safika kungekho nalo mnye umntu khona. Hayi, akukho nesandi esi somntu khona! Into ekhoyo ngamahashe, needonki ezibotshelelweyo. Iintente zisenjengoko bezinjalo nazo.”