Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.