Wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, wawaqhekeza amatye awodwa onqulo, wazigawula iintsika zika-Ashera. Wayikroboza inyoka yobhedu eyayenziwe nguMosis. Kaloku ukuza kuthi ga kwelo thuba amaSirayeli ayeyenzela iziqhumiso, kusithiwa nguNehushtani.