Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye.