Ke uYowahashe unyana kaYowahazi wabuya wazithimba kuBhenadadi unyana kaHazayeli iidolophu awayezohluthe edabini esilwa noyise uYowahazi. Kwaba kathathu uYowahashe emoyisa, waza ke wazibuyisa iidolophu zamaSirayeli.