Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’