Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba ziingqwayi-ngqwayi zomkhosi nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.