14. izixhaso nezitya zazo;
15. ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
16. iimbiza, iifotsholo, iifolokhwe zenyama, nezinye izixhobo ezikolo didi.Zonke ke ezo zixhobo ezazenziwe nguHuram-abhi, ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo, zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.
17. Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.