Ngentlakohlaza yaloo nyaka umkhosi wama-Aram wahlasela uYowashe, wamngenela uJuda neJerusalem, wazibulala zonke iinkokheli zabantu. Amaxhoba onke bawathumela kukumkani wabo eDamasko.