1. Ke kaloku uMoya kaThixo wafikela uAzariya unyana kaOdede,
2. waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
3. Yaba lithuba elide amaSirayeli engenaye uThixo wokwenene, engenaye nambingeleli wakufundisa; ewe, engenawo namthetho.
4. Kuloo nkxwaleko ke abuyela kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, amfuna, aza amfumana.
5. Ngaloo mihla kwakungumngcipheko ukuhamba-hamba, kuba kaloku abemi belizwe babephithizela.
6. Isizwe sasitshatyalaliswa sesinye, isixeko sibhuqwa sesinye, kuba uThixo wayebaphithizelisa ngeendidi zonke zeenkxwaleko.
7. Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”