Ke kaloku kwaba lixesha elide kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. Lo gama iphelelwayo indlu kaSawule, ekaDavide yona yayisiya iqina ngokuqina.