Akuba emkile loo madoda, baphuma kwelo qula ooAhimazi noJonatan, basa udaba ababeluthunyiwe kuDavide. Bamxelela ngeyelenqe lika-Ahitofele, batsho besithi: “Phakama ukhawuleze uwelele ngaphesheya komlambo.”